14 Yena waya kufikelela eLehi, yaye amaFilisti akhwaza ngokugcoba akuhlangana naye.+ Kwaye umoya kaYehova+ wasebenza kuye, yaye iintsontelo ezazisezingalweni zakhe zaba ngathi yimisonto yelinen etshiswe ngomlilo,+ kangangokuba amakhamandela akhe anyibilika ezandleni zakhe.