7 UAdoni-bhezeki wathi: “Bekukho amashumi asixhenxe ookumkani benqunyulwe oosithupha bezandla zabo noobhontsi beenyawo zabo bechola-chola ukutya phantsi kwetafile yam. Kanye ngendlela endenze ngayo, ngoko uThixo undibuyekezile.”+ Emva koko bamzisa eYerusalem+ waza wafela apho.