ABagwebi 14:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Kodwa uyise nonina bathi kuye: “Akukho mfazi na phakathi kweentombi zabazalwana bakho naphakathi kwabo bonke abantu bakowethu,+ ukuba uye kuthabatha umfazi kumaFilisti angalukanga?”+ Sekunjalo uSamson wathi kuyise: “Ndithabathele nje yena, ngenxa yokuba nguye kanye olungileyo emehlweni am.” 1 Samuweli 17:26 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 NoDavide wathi kumadoda awayemi kufuphi naye: “Kuya kwenziwa ntoni na kwindoda exabele laa mFilisti+ uphaya ize okunene isuse ungcikivo phezu koSirayeli?+ Kuba ungubani na lo mFilisti ungalukanga+ ukuba angcikive+ izintlu zedabi zoTHIXO ophilayo?”+ 2 Samuweli 1:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Musani ukukuxela eGati;+Ningakwazisi ezitratweni zeAshkelon,+Ngokoyikela ukuba iintombi zamaFilisti zisenokuba nemihlali,Ngokoyikela ukuba iintombi zabantu abangalukanga zisenokugcoba.+
3 Kodwa uyise nonina bathi kuye: “Akukho mfazi na phakathi kweentombi zabazalwana bakho naphakathi kwabo bonke abantu bakowethu,+ ukuba uye kuthabatha umfazi kumaFilisti angalukanga?”+ Sekunjalo uSamson wathi kuyise: “Ndithabathele nje yena, ngenxa yokuba nguye kanye olungileyo emehlweni am.”
26 NoDavide wathi kumadoda awayemi kufuphi naye: “Kuya kwenziwa ntoni na kwindoda exabele laa mFilisti+ uphaya ize okunene isuse ungcikivo phezu koSirayeli?+ Kuba ungubani na lo mFilisti ungalukanga+ ukuba angcikive+ izintlu zedabi zoTHIXO ophilayo?”+
20 Musani ukukuxela eGati;+Ningakwazisi ezitratweni zeAshkelon,+Ngokoyikela ukuba iintombi zamaFilisti zisenokuba nemihlali,Ngokoyikela ukuba iintombi zabantu abangalukanga zisenokugcoba.+