26 KuAbhiyatare+ umbingeleli ukumkani wathi: “Yiya eAnatoti+ emhlabeni wakho! Kuba ufanelwe kukufa;+ kodwa ngalo mhla andiyi kukubulala, ngenxa yokuba wathwala ityeya yeNkosi enguMongami uYehova+ phambi koDavide ubawo,+ nangenxa yokuba waxhwaleka ngalo lonke ixesha lokuxhwaleka kukabawo.”+