1 Samuweli 2:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 Khangela! Kuza imihla endiya kuthi ngokuqinisekileyo ndiyinqumle ingalo yakho nengalo yendlu kakhokho wakho, ukuze kungabikho ndoda endala endlwini yakho.+ 1 Samuweli 14:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 (UAhiya unyana ka-Ahitubhi,+ umntakwabo Ikabhode,+ unyana kaFinehasi,+ unyana kaEli,+ umbingeleli kaYehova waseShilo,+ wayethwele iefodi.)+ Abantu bona babengazi ukuba uYonatan uhambile. 1 Samuweli 23:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Kwathi ke xa uAbhiyatare+ unyana ka-Ahimeleki wabalekela kuDavide eKeyila, wehla ne-efodi+ esandleni sakhe. 1 Samuweli 30:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Ngoko ke uDavide wathi kuAbhiyatare+ umbingeleli, unyana ka-Ahimeleki: “Khawuncede, usondeze kum iefodi.”+ Waza uAbhiyatare wasondeza iefodi kuDavide. 2 Samuweli 20:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 Kwaye uSheva+ wayengunobhala,+ uTsadoki+ noAbhiyatare+ babengababingeleli. 1 Kumkani 2:27 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 27 Ngoko uSolomon wamgxotha uAbhiyatare ekukhonzeni njengombingeleli kaYehova, ukuzalisekisa ilizwi likaYehova awayelithethe nxamnye nendlu kaEli+ eShilo.+
31 Khangela! Kuza imihla endiya kuthi ngokuqinisekileyo ndiyinqumle ingalo yakho nengalo yendlu kakhokho wakho, ukuze kungabikho ndoda endala endlwini yakho.+
3 (UAhiya unyana ka-Ahitubhi,+ umntakwabo Ikabhode,+ unyana kaFinehasi,+ unyana kaEli,+ umbingeleli kaYehova waseShilo,+ wayethwele iefodi.)+ Abantu bona babengazi ukuba uYonatan uhambile.
6 Kwathi ke xa uAbhiyatare+ unyana ka-Ahimeleki wabalekela kuDavide eKeyila, wehla ne-efodi+ esandleni sakhe.
7 Ngoko ke uDavide wathi kuAbhiyatare+ umbingeleli, unyana ka-Ahimeleki: “Khawuncede, usondeze kum iefodi.”+ Waza uAbhiyatare wasondeza iefodi kuDavide.
27 Ngoko uSolomon wamgxotha uAbhiyatare ekukhonzeni njengombingeleli kaYehova, ukuzalisekisa ilizwi likaYehova awayelithethe nxamnye nendlu kaEli+ eShilo.+