ABagwebi 6:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Wathi kuye: “Ndiyangxengxeza, Yehova. Ndiya kumsindisa ngantoni na uSirayeli?+ Khangela! Iwaka lam lelona lincinane kwaManase, yaye nam ndingoyena mncinane endlwini kabawo.”+ IMizekeliso 3:34 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 34 Ukuba kunokuthanani nabagculeli,+ yena uya kubagculela;+ kodwa abalulamileyo uya kubababala.+ IMizekeliso 11:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Kufikile na ukukhukhumala? Ngoko ihlazo liyeza;+ kodwa bunabathozamileyo ubulumko.+ IMizekeliso 18:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Phambi kokuwa intliziyo yomntu iphakamile,+ yaye phambi kozuko kukho intobeko.+ IMizekeliso 22:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Umphumo wentobeko nokoyika uYehova bubutyebi, uzuko nobomi.+ Luka 14:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Kuba wonk’ ubani oziphakamisayo uya kuthotywa nalowo uzithobayo uya kuphakanyiswa.”+ Yakobi 4:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Noko ke, ububele obungasifanelanga abunikelayo bukhulu ngakumbi.+ Sitsho nesibhalo ukuthi: “UThixo ubachasile abanekratshi,+ kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abathobekileyo.”+ 1 Petros 5:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Ngokunjalo, nina madodana, wathobeleni+ amadoda amakhulu. Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye,+ ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.+
15 Wathi kuye: “Ndiyangxengxeza, Yehova. Ndiya kumsindisa ngantoni na uSirayeli?+ Khangela! Iwaka lam lelona lincinane kwaManase, yaye nam ndingoyena mncinane endlwini kabawo.”+
6 Noko ke, ububele obungasifanelanga abunikelayo bukhulu ngakumbi.+ Sitsho nesibhalo ukuthi: “UThixo ubachasile abanekratshi,+ kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abathobekileyo.”+
5 Ngokunjalo, nina madodana, wathobeleni+ amadoda amakhulu. Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye,+ ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.+