11 Kwathi ke ngemini elandelayo uSawule+ wabamisa abantu bangamabutho amathathu;+ yaye baya phakathi kwenkampu ebudeni bomlindo wakusasa+ baza bawaxabela ama-Amoni+ yada yashushu imini. Abaseleyo, babachitha-chitha akwasala bantu babini ndawonye phakathi kwabo.+