Numeri 11:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Ndiya kuhla+ ndithethe nawe khona;+ ndicaphule kumoya+ okuwe ndiwubeke kuwo, aze akuncedise ekuthwaleni umthwalo waba bantu, ungawuthwali wedwa.+ ABagwebi 3:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Ngoku umoya+ kaYehova waba naye, kwaye waba ngumgwebi kaSirayeli. Xa waphumayo esiya edabini, uYehova wamnikela+ uKushan-rishatayim ukumkani waseSiriya esandleni sakhe saza isandla sakhe samongamela uKushan-rishatayim. 1 Samuweli 10:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Ngokuqinisekileyo umoya+ kaYehova uya kusebenza kuwe, yaye ngokuqinisekileyo uya kuthetha njengomprofeti+ kunye nabo uze utshintshe ube ngomnye umntu. 2 Samuweli 23:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Ngumoya kaYehova owathethayo ngam,+Nelizwi lakhe laliselulwimini lwam.+
17 Ndiya kuhla+ ndithethe nawe khona;+ ndicaphule kumoya+ okuwe ndiwubeke kuwo, aze akuncedise ekuthwaleni umthwalo waba bantu, ungawuthwali wedwa.+
10 Ngoku umoya+ kaYehova waba naye, kwaye waba ngumgwebi kaSirayeli. Xa waphumayo esiya edabini, uYehova wamnikela+ uKushan-rishatayim ukumkani waseSiriya esandleni sakhe saza isandla sakhe samongamela uKushan-rishatayim.
6 Ngokuqinisekileyo umoya+ kaYehova uya kusebenza kuwe, yaye ngokuqinisekileyo uya kuthetha njengomprofeti+ kunye nabo uze utshintshe ube ngomnye umntu.