IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Numeri 11:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ndiya kuhla+ ndithethe nawe khona;+ ndicaphule kumoya+ okuwe ndiwubeke kuwo, aze akuncedise ekuthwaleni umthwalo waba bantu, ungawuthwali wedwa.+

  • ABagwebi 6:34
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 34 Yaye umoya kaYehova+ wamgubungela uGidiyon waza wavuthela isigodlo,+ kwaye ama-Abhi-ezere+ abizelwa ndawonye emva kwakhe.

  • ABagwebi 11:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Ke kaloku umoya kaYehova wafika kuYifeta,+ waza wadlula eGiliyadi nakwaManase ukuze adlulele eMizpe yaseGiliyadi,+ yaye ukusuka eMizpe yaseGiliyadi wadlulela koonyana baka-Amoni.

  • ABagwebi 14:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Waza umoya kaYehova wasebenza kuye,+ ukuze ayiqwenge kubini, kanye njengoko ubani eqwenga itakane eliyinkunzi kubini, kwaye kwakungekho nto konke konke esandleni sakhe. Akazange amxelele uyise okanye unina into ayenzileyo.

  • ABagwebi 15:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Yena waya kufikelela eLehi, yaye amaFilisti akhwaza ngokugcoba akuhlangana naye.+ Kwaye umoya kaYehova+ wasebenza kuye, yaye iintsontelo ezazisezingalweni zakhe zaba ngathi yimisonto yelinen etshiswe ngomlilo,+ kangangokuba amakhamandela akhe anyibilika ezandleni zakhe.

  • 1 Samuweli 11:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Kwaye umoya+ kaThixo wasebenza kuSawule ekuveni kwakhe la mazwi, waza wavutha kakhulu ngumsindo.+

  • 1 Samuweli 16:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Ngako oko uSamuweli wathabatha uphondo lweoli+ waza wamthambisa phakathi kwabantakwabo. Yaye umoya kaYehova waqalisa ukusebenza kuDavide ukususela loo mini.+ Kamva uSamuweli wasukuma waza wahamba waya eRama.+

  • 2 Kronike 15:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Ke kaloku, uAzariya unyana kaOdedi,+ wafikelwa ngumoya+ kaThixo.

  • Isaya 63:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Waza lowo waqalisa ukukhumbula imihla yakudala, uMoses umkhonzi wakhe: “Uphi na Lowo wabanyusayo elwandle+ kunye nabalusi bomhlambi wakhe?+ Uphi na Lowo wabeka ngaphakathi kwakhe umoya Wakhe oyingcwele?+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share