IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 20:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni,+ kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo,+ ndizisa isohlwayo ngesiphoso sooyise phezu koonyana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana, sabandithiyileyo;+

  • Numeri 25:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “UFinehasi+ unyana kaEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli uyibuyisile ingqumbo yam+ koonyana bakaSirayeli ngokungakunyamezeli kwakhe ukusukuzana kwabo nam,+ ukuze ndingabatshabalalisi oonyana bakaSirayeli ngokuzingisa kwam ekufuneni uzinikelo olupheleleyo.+

  • 2 Kumkani 10:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Wandula ke wathi: “Hamba nam uze ukhangele indlela endingalunyamezeli ngayo usukuzwano+ noYehova.” Bamkhwelisa naye enqwelweni yakhe yokulwa.

  • INdumiso 69:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  9 Kuba ukuzondelela indlu yakho ngokupheleleyo kundidlile,+

      Ungcikivo lwabo bakungcikivayo luphezu kwam.+

  • INdumiso 119:139
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 139 Ikhwele lam lindigqibile,+

      Ngenxa yokuba iintshaba zam ziwalibele amazwi akho.+

  • 2 Korinte 11:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Kuba ndiyanikhweletela ngekhwele lobuthixo,+ kuba ngokobuqu ndanithembisa ukunitshatisela+ kwindoda enye+ ukuze ndininikele ninjengentombi enyulu+ kuKRISTU.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share