17 Waphuma uDavide waya kubo waza wabaphendula wathi: “Ukuba niza kum ninoxolo+ ukuza kundinceda, intliziyo yam iya kumanyana nani.+ Kodwa ukuba nize kundingcatsha kwiintshaba zam kungekho bubi kwintende yam,+ makakubone oko uTHIXO+ wookhokho bethu aze akulungise.”+