29 Xa kuthe kwesuka umntu ukuba akusukele aze afune umphefumlo wakho, umphefumlo wenkosi yam ngokuqinisekileyo uya kusongelwa engxoweni yobomi+ kuYehova uThixo wakho;+ kodwa, ke wona umphefumlo weentshaba zakho, uya kuwusawula ngokungathi ungaphakathi kumgongxo wesilingi.+