2 Ngokuqinisekileyo liya kutyatyamba,+ yaye ngokwenene liya kuvuya ngovuyo limemelela ngochulumanco.+ Liya kunikwa uzuko lweLebhanon,+ ubungangamsha beKarmele+ nobeSharon.+ Kuya kubakho abo baya kububona ubuqaqawuli bukaYehova,+ ubungangamsha boThixo wethu.+