6 Ngelo thuba uSawule wathi kumaKeni:+ “Hambani, mkani,+ yihlani nisuke phakathi kwama-Amaleki, ukuze ndinganitshayeli kunye nawo. Ke nina, nabenzela ububele bothando oonyana bonke bakaSirayeli+ ngexesha lokunyuka kwabo bephuma eYiputa.”+ Ngoko amaKeni emka phakathi koAmaleki.