IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Numeri 25:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “UFinehasi+ unyana kaEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli uyibuyisile ingqumbo yam+ koonyana bakaSirayeli ngokungakunyamezeli kwakhe ukusukuzana kwabo nam,+ ukuze ndingabatshabalalisi oonyana bakaSirayeli ngokuzingisa kwam ekufuneni uzinikelo olupheleleyo.+

  • Yoshuwa 22:30
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 30 Ke kaloku xa uFinehasi+ umbingeleli nezikhulu zendibano+ neentloko zamawaka kaSirayeli awayekunye naye bawevayo amazwi awathethwa ngoonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi noonyana bakaManase, kwalunga emehlweni abo.

  • ABagwebi 20:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 Ke kaloku uFinehasi+ unyana kaEleyazare, unyana ka-Aron, wayemi phambi kwayo ngaloo mihla,+ esithi: “Ndiphume na kwakhona ndiye edabini nxamnye noonyana bakaBhenjamin umzalwana wam okanye ndiyeke?”+ UYehova wathi: “Nyuka, ngenxa yokuba ngomso ndiya kumnikela esandleni sakho.”+

  • INdumiso 106:30
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 30 Xa uFinehasi wemayo waza wangenelela,+

      Ngoko isibetho samiswa.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share