1 Samuweli 25:30 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 30 Yaye kumele kwenzeke ukuba, ngenxa yokuba uYehova uya kwenza enkosini yam ukulunga ngokuvumelana nako konke akuthethileyo, ngokuqinisekileyo uya kukumisela njengenkokeli phezu koSirayeli.+ 2 Samuweli 6:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 UDavide wathi kuMikali: “Bekuphambi koYehova, lowo wanyula mna kunoyihlo nendlu yakhe yonke ukuze andibeke ukuba ndiphathe+ njengenkokeli phezu kwabantu bakaYehova uSirayeli, yaye ndiza kubhiyoza phambi koYehova.+ 1 Kronike 17:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 “Ke kaloku uya kuthi kumkhonzi wam uDavide, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Mna ndakuthabatha edlelweni ekulandeleni umhlambi+ ukuba ube yinkokeli+ yabantu bam amaSirayeli.
30 Yaye kumele kwenzeke ukuba, ngenxa yokuba uYehova uya kwenza enkosini yam ukulunga ngokuvumelana nako konke akuthethileyo, ngokuqinisekileyo uya kukumisela njengenkokeli phezu koSirayeli.+
21 UDavide wathi kuMikali: “Bekuphambi koYehova, lowo wanyula mna kunoyihlo nendlu yakhe yonke ukuze andibeke ukuba ndiphathe+ njengenkokeli phezu kwabantu bakaYehova uSirayeli, yaye ndiza kubhiyoza phambi koYehova.+
7 “Ke kaloku uya kuthi kumkhonzi wam uDavide, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Mna ndakuthabatha edlelweni ekulandeleni umhlambi+ ukuba ube yinkokeli+ yabantu bam amaSirayeli.