12 Yaye ngoku ndinike ummandla weentaba lowo uYehova wawuthembisayo ngaloo mini,+ kuba nawe weva ngaloo mini ukuba kukho ama-Anakim+ apho nezixeko ezikhulu ezinqatyisiweyo.+ Mhlawumbi uYehova uya kuba nam,+ yaye ndiya kubahlutha ilizwe labo ngokuqinisekileyo, kanye njengoko uYehova wathembisayo.”+