IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 25:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 “‘Kothi ke yakuzaliseka iminyaka engamashumi asixhenxe+ ndimphendulise ukumkani waseBhabhiloni nolo hlanga,’+ utsho uYehova, ‘ngenxa yesiphoso sabo, kwanelizwe lamaKhaledi,+ kwaye ndiza kulenza inkangala ephanzileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.+

  • Yeremiya 29:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Ndiya kuzenza ndifumaneke kuni,’+ utsho uYehova. ‘Kwaye ndiya kulihlanganisa iqela labathinjwa ndize ndiniqokelele ndawonye kuzo zonke iintlanga nakuzo zonke iindawo endinisasazele kuzo,’+ utsho uYehova. ‘Yaye ndiya kunibuyisela kule ndawo nivela apho ndanibangela naya khona ekuthinjweni.’+

  • Yeremiya 33:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 isandi sokugcoba nesandi semihlali,+ ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi, ilizwi labo bathi: “Bongani uYehova wemikhosi, kuba uYehova ulungile;+ kuba ububele bothando bobakhe ukusa kwixesha elingenammiselo!”’+

      “‘Baya kuba bezise umnikelo wokubulela endlwini kaYehova,+ kuba ndiya kubabuyisa abathinjwa belizwe kanye njengasekuqaleni,’+ utsho uYehova.”

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share