1 Amazwi ka-Amosi, owayephakathi kwabafuyi beegusha baseTekowa,+ awawabonayo ngokuphathelele uSirayeli+ ngemihla kaUziya+ ukumkani wakwaYuda nangemihla kaYerobhoham+ unyana kaYowashe,+ ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi kwenyikima yomhlaba.+