IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 25:36
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 36 Musa ukuthabatha nzala kuye okanye ufune inzuzo enkulu,+ kunoko umele umoyike uThixo wakho;+ aphile umzalwana wakho kuwe.

  • Nehemiya 5:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Ke zona ezinye iirhuluneli ezazingaphambi kwam, zazibenzela ubunzima abantu, yaye zaziqhubeka zithabatha kubo amashumi amane eeshekele zesilivere ukwenzela isonka newayini. Abalindi babo babebalawula abantu.+ Ke mna, andizange ndenze ngaloo ndlela+ ngenxa yokoyika uThixo.+

  • Yobhi 28:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 Waza wahlabela mgama wathi kumntu,

      ‘Khangela! Ukoyika uYehova—bubulumko obo,+

      Yaye ukusuka ebubini kukuqonda.’”+

  • IMizekeliso 8:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Ukoyika uYehova kuthetha ukuthiya okubi.+ Ukuziphakamisa nekratshi+ nendlela embi nomlomo onobugwenxa+ ndikuthiyile.

  • INtshumayeli 8:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Nangona umoni esenza okubi+ izihlandlo ezilikhulu aze aqhubeke ixesha elide kangangoko ethanda, ndiyaqonda ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uTHIXO oyinyaniso,+ ngenxa yokuba babesoyika yena.+

  • Malaki 1:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 “‘Unyana, yena, uyambeka uyise;+ nomkhonzi, inkosi yakhe ezukileyo.+ Ngoko ukuba ndinguyihlo,+ kuphi na ukubekwa kwam?+ Yaye ukuba ndiyiNkosi Ezukileyo, kuphi na ukoyikwa+ kwam?’ utsho uYehova wemikhosi kuni, nina babingeleli abadelela igama lam.+

      “‘Kwaye nina nithe: “Silidelele ngayiphi na indlela igama lakho?”’

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share