12 Yena wathi: “Njengoko uYehova uThixo wakho ephila,+ andinalo iqebengwana elibusazinge,+ kodwa ndinomgubo onokuzalisa isandla+ osengqayini enkulu nentwana yeoli+ esengqayini encinane; yaye yabona nditheza iinkuni ezimbalwa, ndiza kwenzela mna nonyana wam, ukuze sidle size sife.”+