Duteronomi 19:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 “Uze ungawunciphisi umda wedlelane lakho,+ awawumisayo amanyange elifeni lakho oya kulidla ezweni elo akunika lona uYehova uThixo wakho ukuba ulidle ilifa. Duteronomi 27:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 “‘Uqalekisiwe onciphisa umda wedlelane lakhe.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) Yobhi 24:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Kukho abo babuyisela umva imilimandlela;+Baxhwila umhlambi, ukuze bawaluse. Hoseya 5:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Iinkosana zakwaYuda zifana kanye nabo banciphisa umda.+ Ukuvutha komsindo wam ndiya kukuphalazela phezu kwabo njengamanzi.
14 “Uze ungawunciphisi umda wedlelane lakho,+ awawumisayo amanyange elifeni lakho oya kulidla ezweni elo akunika lona uYehova uThixo wakho ukuba ulidle ilifa.
10 Iinkosana zakwaYuda zifana kanye nabo banciphisa umda.+ Ukuvutha komsindo wam ndiya kukuphalazela phezu kwabo njengamanzi.