IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ABagwebi 13:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Kodwa umfazi wakhe wathi kuye: “Ukuba uYehova ebeyoliswa kukusibulala, ngengawamkelanga umnikelo otshiswayo nomnikelo wokudla okuziinkozo esandleni sethu,+ kwaye ngengasibonisanga ezi zinto zonke, yaye njengangoku ngengasivisanga nantoni na enjengale.”+

  • 1 Samuweli 25:31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 Oku ke makungabi sisizathu sokuhexa kwakho okanye isikhubekiso entliziyweni yenkosi yam, kokubini ngokuphalaza igazi ngaphandle kwesizathu+ nangokuthi inkosi yam izisindise ngesandla sayo.+ Kwaye ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyenzela ukulunga inkosi yam, uze ke wena ulikhumbule+ ikhobokazana lakho.”

  • 2 Samuweli 20:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Waza umfazi osisilumko+ wamemeza esesixekweni wathi: “Phulaphulani, phulaphulani! Khanithi kuYowabhi, ‘Sondela apha, uze undivumele ndithethe kuwe.’”

  • Estere 5:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Ukuba ndikholekile emehlweni kakumkani+ yaye ukuba kubonakala kulungile kukumkani ukuba andinike isibongozo sam aze asebenze ngesicelo sam, ukumkani makeze noHaman kwisidlo endiya kubenzela sona ngomso, kwaye ngomso ndiya kwenza ngokwelizwi likakumkani.”+

  • INdumiso 68:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 NguYehova onikela eli lizwi;+

      Abafazi abavakalisa iindaba ezilungileyo bangumkhosi omkhulu.+

  • IMizekeliso 31:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 Amazwi kaLemuweli ukumkani, isigidimi esinzima+ awasinikwa ngunina ukumlungisa:+

  • IZenzo 18:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 Yaye wathetha ngokukhaliphileyo kwindlu yesikhungu. Xa uPrisila noAkwila+ bamvayo, bamthabathela kubo baza bacokisa ukumcacisela ngokuchane ngakumbi indlela kaThixo.

  • Tito 2:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Ngokunjalo abafazi abalupheleyo+ mabaziphathe ngokuhlonel’ uThixo, banganyelisi,+ bangakhotyokiswa yiwayini eninzi, mabafundise oko kulungileyo;

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share