IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yobhi 11:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  7 Ngaba unokuzifumana izinto ezinzulu zikaThixo,+

      Okanye ngaba unokusifumana isiphelo sikaSomandla?

  • Yobhi 26:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Khangela! Ezi zinto yimiphetho yeendlela zakhe,+

      Yaye kukusebeza kuphela okuviweyo kuvela kuye!

      Kodwa ngubani onokubonisa ukuyiqonda indudumo yakhe enamandla?”+

  • INdumiso 40:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  5 Zininzi izinto ozenzileyo,+

      Owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo neengcamango zakho kuthi;+

      Akukho namnye onokuthelekiswa nawe.+

      Ukuba bendityekele ekuxeleni ndize ndithethe ngazo,

      Zininzi kakhulu kunokuba ndinokubalisa.+

  • INtshumayeli 8:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ndaza ndakubona konke ukusebenza koTHIXO oyinyaniso,+ indlela uluntu olungakwazanga ngayo ukukuqonda okwenziweyo phantsi kwelanga;+ noko ke, kungakhathaliseki ukuba uluntu lusebenza nzima kangakanani na lufuna ukukuqonda, kodwa aluze lukuqonde.+ Kwanokuba lungathi luzizilumko ngokwaneleyo ukuba lukuqonde,+ alunakukuqonda.+

  • Roma 11:33
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 33 Hayi ubunzulu bobutyebi+ nobobulumko+ nobolwazi+ lukaThixo! Hayi indlela engaphengululeki ngayo imigwebo yakhe+ nendlela ezingalandeki ngayo iindlela zakhe!

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share