IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 30:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 wobabuyisa ke uYehova uThixo wakho abathinjwa bakho,+ akwenzele inceba,+ akuqokelele kwakhona ezizwaneni zonke akuchithachithele kuzo uYehova uThixo wakho.+

  • INdumiso 106:47
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 47 Sisindise, Yehova Thixo wethu,+

      Uze usiqokelele ndawonye ezintlangeni+

      Ukuze sibulele igama lakho elingcwele,+

      Sithethe ngemigcobo indumiso yakho.+

  • Isaya 66:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Okunene ziya kubazisa bonke abantakwenu bephuma kuzo zonke iintlanga+ njengesipho kuYehova,+ ngamahashe nangeenqwelo nangeenqwelo ezinezigqubuthelo nangeemeyile nangeemazi zeenkamela+ ezinamendu, entabeni yam engcwele,+ eYerusalem,” utsho uYehova, “kanye njengaxa oonyana bakaSirayeli besizisa isipho ngesitya esihlambulukileyo endlwini kaYehova.”+

  • Hezekile 36:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Kwaye ndiza kunithabatha ezintlangeni ndize ndiniqokelele ndawonye emazweni onke ndinizise emhlabeni wenu.+

  • Mika 2:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 “‘Ngokuqinisekileyo ndiya kumhlanganisa uYakobi, wonke;+ nakanjani na ndiya kubaqokelela ndawonye abo baseleyo bakwaSirayeli.+ Ndiya kubabeka bemanyene, njengomhlambi ebuhlanti, njengomhlambi phakathi kwedlelo lawo;+ kuya kubakho ingxokozelo ngenxa yobuninzi babantu.’+

  • Zekariya 8:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Yabonani, ndiyabasindisa abantu bam kwilizwe lasempumalanga nakwilizwe lasentshonalanga.+

  • Roma 11:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 yaye ngolu hlobo wonke uSirayeli+ uya kusindiswa. Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Umhlanguli uya kuza ephuma eZiyon+ aze alukhwelelise uqheliselo olungelolwabuthixo kuYakobi.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share