IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 35:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Kwaye bona kanye abo bakhululweyo nguYehova baya kubuya baze+ ngokuqinisekileyo beze eZiyon ngentswahla yovuyo;+ nemihlali iya kuba phezu kwentloko yabo ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Baya kugcoba babe nemihlali, intlungu nokuncwina kusabe kubo.+

  • Isaya 61:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Esikhundleni sehlazo lenu kuya kubakho inxalenye ephindiweyo,+ yaye esikhundleni sokuthotywa baya kumemelela ngovuyo ngenxa yesabelo sabo.+ Ngoko ke elizweni labo baya kudla ilifa lenxalenye ephindiweyo.+ Baya kuba nemihlali ukusa kwixesha elingenammiselo.+

  • Yeremiya 33:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 isandi sokugcoba nesandi semihlali,+ ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi, ilizwi labo bathi: “Bongani uYehova wemikhosi, kuba uYehova ulungile;+ kuba ububele bothando bobakhe ukusa kwixesha elingenammiselo!”’+

      “‘Baya kuba bezise umnikelo wokubulela endlwini kaYehova,+ kuba ndiya kubabuyisa abathinjwa belizwe kanye njengasekuqaleni,’+ utsho uYehova.”

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share