IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • INdumiso 82:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  3 Yibani ngabagwebi ngenxa yalowo usisisweli nenkwenkwe engenayise.+

      Menzeleni okusesikweni oxhwalekileyo nalowo usweleyo.+

  • Isaya 1:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Fundani ukwenza okulungileyo;+ funani okusesikweni;+ lungisani umcinezeli;+ yigwebeleni inkwenkwe engenayise;+ gwebani ityala lomhlolokazi.”+

  • Yeremiya 21:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Owu ndlu kaDavide,+ utsho uYehova ukuthi: “Ntsasa nganye+ nikelani isigwebo ngokusesikweni,+ kwaye mhlanguleni ophangwayo esandleni soqhathayo,+ ukuze umsindo wam ungaphumi njengomlilo+ uze okunene utshise ukuze kungabikho bani wokuwucima ngenxa yobubi bezenzo zenu.”’+

  • Daniyeli 4:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Ngoko ke, kumkani, ngamana icebo lam lingabonakala lilungile kuwe,+ uze uzisuse izono zakho ngobulungisa,+ nobugwenxa bakho ngokubenzela inceba abo bangamahlwempu.+ Mhlawumbi iya kwandiswa impumelelo yakho.’”+

  • Zekariya 7:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Gwebani ngokusesikweni;+ nize nibe nobubele bothando+ nenceba omnye nomnye;+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share