IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 30:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 wobabuyisa ke uYehova uThixo wakho abathinjwa bakho,+ akwenzele inceba,+ akuqokelele kwakhona ezizwaneni zonke akuchithachithele kuzo uYehova uThixo wakho.+

  • Isaya 65:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Kwaye iSharon+ iya kuba lidlelo lezimvu+ nentili yaseAkore+ ibe yindawo yokuphumla iinkomo, yabantu bam abaya kube bendifunile.+

  • Yeremiya 50:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Ndiza kumbuyisela uSirayeli kwidlelo lakhe,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kudla eKarmele+ naseBhashan;+ umphefumlo wakhe uya kwanela kummandla weentaba wakwaEfrayim+ nowaseGiliyadi.’”+

  • Hezekile 34:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Yaye ndiya kuzikhupha kwizizwana ndiziqokelele ndawonye+ zivela emazweni ndize ndizizise emhlabeni+ wazo, ndizondle ezintabeni zakwaSirayeli, ngasemisingeni nangakuzo zonke iindawo zokuhlala zelizwe.+

  • Hezekile 34:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Ndiya kuzondla edlelweni elilungileyo, yaye indawo yazo yokuhlala iya kuba sezintabeni eziphakamileyo zakwaSirayeli.+ Ziya kubutha apho kwindawo elungileyo yokuhlala,+ zidle edlelweni elityebileyo ezintabeni zakwaSirayeli.”

  • Mika 2:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 “‘Ngokuqinisekileyo ndiya kumhlanganisa uYakobi, wonke;+ nakanjani na ndiya kubaqokelela ndawonye abo baseleyo bakwaSirayeli.+ Ndiya kubabeka bemanyene, njengomhlambi ebuhlanti, njengomhlambi phakathi kwedlelo lawo;+ kuya kubakho ingxokozelo ngenxa yobuninzi babantu.’+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share