Yeremiya 14:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Waza uYehova wahlabela mgama wathi kum: “Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam.+ Andibathumanga, ndingabayalelanga okanye ndathetha kubo.+ Baniprofetela umbono wobuxoki nokuvumisa nento engenaxabiso+ nenkohliso yentliziyo yabo.+ Yeremiya 23:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 “Andibathumanga abaprofeti, kanti bona basuke babaleka. Andithethanga kubo, kanti bona basuke baprofeta.+ Yeremiya 28:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Waza uYeremiya umprofeti wahlabela mgama wathi kuHananiya+ umprofeti: “Khawuncede, phulaphula, Hananiya! UYehova akakuthumelanga, kodwa wena ubangele esi sizwana sakholosa ngobuxoki.+ Yeremiya 29:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Kuba utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi: “Ningakhohliswa ngabaprofeti benu abaphakathi kwenu nabo benu abavumisayo,+ yaye musani ukuwaphulaphula amaphupha abo abawaphuphayo.+ Hezekile 13:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 “Babone oko kungeyonyaniso nokuvumisa okububuxoki,+ abo bathi, ‘Utsho uYehova,’ abe uYehova yena engabathumanga, yaye balindele ukuba ilizwi libe yinyaniso.+
14 Waza uYehova wahlabela mgama wathi kum: “Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam.+ Andibathumanga, ndingabayalelanga okanye ndathetha kubo.+ Baniprofetela umbono wobuxoki nokuvumisa nento engenaxabiso+ nenkohliso yentliziyo yabo.+
21 “Andibathumanga abaprofeti, kanti bona basuke babaleka. Andithethanga kubo, kanti bona basuke baprofeta.+
15 Waza uYeremiya umprofeti wahlabela mgama wathi kuHananiya+ umprofeti: “Khawuncede, phulaphula, Hananiya! UYehova akakuthumelanga, kodwa wena ubangele esi sizwana sakholosa ngobuxoki.+
8 Kuba utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi: “Ningakhohliswa ngabaprofeti benu abaphakathi kwenu nabo benu abavumisayo,+ yaye musani ukuwaphulaphula amaphupha abo abawaphuphayo.+
6 “Babone oko kungeyonyaniso nokuvumisa okububuxoki,+ abo bathi, ‘Utsho uYehova,’ abe uYehova yena engabathumanga, yaye balindele ukuba ilizwi libe yinyaniso.+