IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 33:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Ndiza kubasulungekisa kuso sonke isiphoso sabo abandone ngaso,+ ndizixolele zonke iziphoso zabo abandone ngazo nabaye banxaxha ngazo kum.+

  • Yeremiya 50:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 “Ngaloo mihla nangelo xesha,”+ utsho uYehova, “isiphoso sikaSirayeli siya kufunwa,+ kodwa asiyi kubakho; nezono zikaYuda,+ kodwa aziyi kufumaneka, kuba ndiya kubaxolela abo ndibashiyileyo.”+

  • Mika 7:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Ngubani na onguThixo onjengawe,+ oxolela isiphoso nodlulayo ekunxaxheni+ kwentsalela yelifa lakhe?+ Ngokuqinisekileyo akayi kubambelela kumsindo wakhe ngonaphakade, kuba uyoliswa bububele bothando.+

  • Mateyu 26:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 kuba oku kuthetha+ ‘igazi+ lam lomnqophiso,’+ eliza kuphalala ngenxa yabaninzi+ ukuze kuxolelwe izono.+

  • Roma 11:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Yaye lo ngumnqophiso wam kunye nabo,+ xa ndizisusa izono zabo.”+

  • Hebhere 8:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Kuba ndiya kuba nenceba kwizenzo zabo zokungalungisi, nezono zabo+ ndingabi sazikhumbula kwakhona.’”+

  • Hebhere 9:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Kungenxa yoko le nto engumlamli+ womnqophiso omtsha, ukuze, ngokufa kwakhe, okubakhulule ngentlawulelo+ ekunxaxheni phantsi komnqophiso wangaphambili+ abo babiziweyo, bakwazi ukufumana isithembiso selifa elingunaphakade.+

  • Hebhere 10:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 uthi emva koko: “Ibe andisayi kuze ndizikhumbule kwakhona izono zabo nezenzo zabo zokuchas’ umthetho.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share