9 Kuba yabonani, ndivuselela ndize ndinyuse nxamnye neBhabhiloni ibandla leentlanga ezinkulu ezivela kwilizwe lasemntla,+ yaye ngokuqinisekileyo ziya kwakha uluhlu nxamnye nayo.+ Iya kuthinjwa apho.+ Iintolo zazo zinjengezo zendoda enamandla ehlutha abazali abantwana, engabuyi ingenamiphumo.+