IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • INdumiso 33:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Akukho kumkani usindiswayo bubuninzi bomkhosi wamajoni akhe;+

      Indoda enamandla ayihlangulwa bubuninzi bamandla ayo.+

  • IMizekeliso 8:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Ukoyika uYehova kuthetha ukuthiya okubi.+ Ukuziphakamisa nekratshi+ nendlela embi nomlomo onobugwenxa+ ndikuthiyile.

  • IMizekeliso 15:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Indlu yabaziphakamisileyo uYehova uyayichitha,+ kodwa uya kuwuzinzisa umda womhlolokazi.+

  • INtshumayeli 9:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Ndabuya ndabona phantsi kwelanga ukuba ukukhawuleza asikokwababalekayo,+ idabi asilolabanamandla,+ nokutya asikokwezilumko,+ nobutyebi+ asibobabanokuqonda, kwanobabalo asilolwabanokwazi;+ ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.+

  • Isaya 2:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Kuba yimini kaYehova wemikhosi.+ Iphezu kwakhe wonk’ ubani oziphakamisileyo naphezu kwakhe wonk’ ubani onyukileyo okanye othotyiweyo;+

  • Isaya 16:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Sivile ngekratshi likaMowabhi, ukuba unekratshi kakhulu;+ ukuziphakamisa kwakhe nekratshi lakhe nokuvutha komsindo wakhe+—intetho yakhe elilize ayiyi kuba njalo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share