11 Kodwa uYehova wayenam+ njengalowo unamandla ngokunkwantyisayo.+ Kungenxa yoko le nto bona kanye abo banditshutshisayo beya kukhubeka baze bangoyisi.+ Ngokuqinisekileyo baya kuhlaziswa, ngenxa yokuba bengayi kuphumelela. Ukuthotywa kwabo okuhlala ngokungenammiselo kuya kuba kokungayi kulibaleka.+