9 Nesandla sam sinxamnye nabaprofeti ababona into engeyonyaniso nabavumisa ubuxoki.+ Abayi kuqhubeka bekho kwiqela lamakholwane+ abantu bam, abayi kubhalwa nakwincwadi yengxelo yendlu kaSirayeli,+ nakumhlaba wakwaSirayeli abayi kufika;+ ukuze nazi ukuba ndiyiNkosi enguMongami uYehova,+