IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 20:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni,+ kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo,+ ndizisa isohlwayo ngesiphoso sooyise phezu koonyana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana, sabandithiyileyo;+

  • Eksodus 34:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Kuba akusayi kuqubuda komnye uthixo,+ ngokuba uYehova, ogama lakhe linguKhwele, unguThixo onekhwele;+

  • Duteronomi 4:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo,+ unguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.+

  • Duteronomi 6:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 (kuba uYehova uThixo wakho ophakathi kwakho unguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo,)+ hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe kuwe+ aze akubhubhise ungabikho phezu komhlaba.+

  • Yoshuwa 24:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Waza uYoshuwa wathi ebantwini: “Aninakukwazi ukukhonza uYehova, kuba unguThixo ongcwele;+ unguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.+ Akayi kukuxolela ukuvukela kwenu nezono zenu.+

  • Isaya 59:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Wandula ke wambatha ubulungisa njengesambatho sentsimbi,+ nesigcina-ntloko sosindiso entloko.+ Ngapha koko, wambatha izambatho zempindezelo+ waza wazisonga ngenzondelelo ngokungathi sisambatho esingenamikhono.+

  • Hezekile 39:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 “Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ke kaloku ngoku ndiya kubabuyisela abathinjiweyo bakaYakobi+ ndize okunene ndibe nenceba phezu kwendlu kaSirayeli;+ yaye ndiya kubonisa uzinikelo olupheleleyo ngegama lam elingcwele.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share