IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 23:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Waza wezisa bonke ababingeleli bevela kwizixeko zakwaYuda, ukuze iindawo eziphakamileyo azenze zingalufanelekeli unqulo apho ababingeleli babeqhumisela umbingelelo khona, ukusuka eGebha+ ukuya kufikelela eBher-shebha;+ yaye wazidiliza iindawo eziphakamileyo zamasango ezo zazisesangweni likaYoshuwa, intloko yesixeko, ezazisekhohlo kumntu ongena esangweni lesixeko.

  • 2 Kronike 29:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Wathi kubo: “Ndiphulaphuleni, baLevi. Ke zingcwaliseni+ nize ningcwalise indlu kaYehova uThixo wookhokho benu, nikhuphe into engasulungekanga endaweni engcwele.+

  • Nehemiya 9:34
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 34 Ke bona ookumkani bethu, iinkosana zethu, ababingeleli bethu nookhokho bethu,+ abawenzanga umthetho wakho,+ bengayinikelanga ngqalelo nemiyalelo yakho+ okanye izingqino zakho owanikela ubungqina ngazo+ nxamnye nabo.

  • Yeremiya 23:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “Kuba kokubini umprofeti nombingeleli bangcolile.+ Nasendlwini yam ndifumene ububi babo,”+ utsho uYehova.

  • Hezekile 8:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Waza wathi kum: “Owu nyana womntu, ukubonile na oko bakwenzayo abakhulileyo bendlu kaSirayeli ebumnyameni,+ ngamnye kumagumbi angaphakathi emiboniso yakhe? Kuba bathi, ‘UYehova akasiboni.+ UYehova ulishiyile ilizwe.’”

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share