IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 28:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Kanjalo naba—ngenxa yewayini balahlekile yaye ngenxa yesiselo esinxilisayo baye babhadula. Umbingeleli nomprofeti+—balahlekile ngenxa yesiselo esinxilisayo, badidekile+ ngenxa yewayini, baye babhadula ngenxa yesiselo esinxilisayo; balahlekile ekuboneni, bayahexa ekwenzeni isigqibo.

  • Yeremiya 5:31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 Abaprofeti okunene baprofeta ubuxoki;+ ke bona ababingeleli, bahamba besoyisa ngokwamandla abo.+ Kwaye abantu bam bathande ngaloo ndlela;+ yaye niya kwenza ntoni na ekupheleni kwako oku?”+

  • Yeremiya 6:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 “Kuba ukususela koyena mncinane kubo ukusa koyena mkhulu kubo, wonk’ ubani uzenzela inzuzo yokungekho sikweni;+ nokususela kumprofeti ukusa kumbingeleli, ngamnye wenza ngobuxoki.+

  • Yeremiya 8:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Ngoko ke abafazi babo ndiya kubanikela kwamanye amadoda, amasimi abo abe lilifa labanye;+ kuba, ukususela koyena mncinane kude kuse koyena mkhulu, ngamnye wenza inzuzo ngokungekho sikweni;+ ukususela kumprofeti kude kuse kumbingeleli, ngamnye wenza ngobuxoki.+

  • Hezekile 22:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Liyelenqe labaprofeti bakhe phakathi kwayo,+ njengengonyama egqumayo, eqwenga ixhoba.+ Okunene bayawuqwenga umphefumlo.+ Bathabatha ubuncwane nezinto ezixabisekileyo.+ Babandisile abahlolokazi bayo phakathi kwayo.+

  • Zefaniya 3:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Abaprofeti baso babesile, bengamadoda obuqhophololo.+ Ababingeleli baso babehlambela oko kungcwele; bavukela umthetho.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share