-
2 Kumkani 18:4INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
4 Nguye owashenxisa iindawo eziphakamileyo+ waza wazaphula zaziingceba iintsika ezingcwele,+ wagawula isibonda esingcwele+ wayityumza yaziingceba inyoka yobhedu+ eyenziwa nguMoses;+ kuba kude kube ngaloo mihla oonyana bakaSirayeli babeqhumisela imibingelelo+ kuyo ngokuqhubekayo, kwaye yayibizwa ngokuthi sisithixo esiyinyoka yobhedu.+
-
-
Hezekile 8:3INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
3 Wandula ke wolula imbonakaliso yesandla+ waza wandithabatha ngesihlwitha seenwele zentloko yam, waza umoya+ wandithwalela phakathi komhlaba namazulu, wandizisa eYerusalem emibonweni kaThixo,+ ngasesangweni elingaphakathi+ elijonge ngasemntla, apho kukho indawo yokuhlala yomfuziselo wekhwele elikhweletisayo.+
-