2 Kumkani 3:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 UElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Ndinantoni na yakwenza nawe?+ Yiya kubaprofeti+ bakayihlo nakubaprofeti bakanyoko.” Kodwa ukumkani wakwaSirayeli wathi kuye: “Hayi, kuba uYehova ubabizile aba kumkani bathathu ukuze abanikele esandleni sikaMowabhi.”+ Isaya 1:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Naxa nisolula izandla zenu,+ ndiyawafihla amehlo am kuni.+ Nakubeni nisenza imithandazo emininzi,+ andiphulaphulanga;+ zona kanye izandla zenu zizaliswe luphalazo-gazi.+ Yeremiya 11:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ndibazisela intlekele+ abangayi kukwazi ukuphuma kuyo;+ yaye ngokuqinisekileyo baya kumemeza kum becela uncedo, kodwa andiyi kubaphulaphula.+ Zekariya 7:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 “‘Kuya kuthi ke, kanye njengoko wayebizile baza abaphulaphula,+ nabo babize ndize mna ndingaphulaphuli,’+ utsho uYehova wemikhosi.
13 UElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Ndinantoni na yakwenza nawe?+ Yiya kubaprofeti+ bakayihlo nakubaprofeti bakanyoko.” Kodwa ukumkani wakwaSirayeli wathi kuye: “Hayi, kuba uYehova ubabizile aba kumkani bathathu ukuze abanikele esandleni sikaMowabhi.”+
15 Naxa nisolula izandla zenu,+ ndiyawafihla amehlo am kuni.+ Nakubeni nisenza imithandazo emininzi,+ andiphulaphulanga;+ zona kanye izandla zenu zizaliswe luphalazo-gazi.+
11 Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ndibazisela intlekele+ abangayi kukwazi ukuphuma kuyo;+ yaye ngokuqinisekileyo baya kumemeza kum becela uncedo, kodwa andiyi kubaphulaphula.+
13 “‘Kuya kuthi ke, kanye njengoko wayebizile baza abaphulaphula,+ nabo babize ndize mna ndingaphulaphuli,’+ utsho uYehova wemikhosi.