18 “‘Lilo ke elo iphupha mna, Kumkani Nebhukadenetsare, endalibonayo; ngoko ke, Bheleteshatsare, nceda undichazele intsingiselo yalo, kuba zonke ezinye izilumko ebukumkanini bam azikwazanga ukundichazela.+ Kodwa wena ungakwazi, kuba unomoya woothixo abangcwele.’+