10 Ke kaloku kamsinya nje akuba uEzra ethandazile+ enze novumo+ ngoxa wayelila eziwise phantsi+ phambi kwendlu+ yoTHIXO oyinyaniso, abo bakwaSirayeli baqokelelana ndawonye beza kuye, ibandla elikhulu kakhulu, amadoda nabafazi nabantwana, kuba abantu balila kakhulu.