2 UYeshuwa+ unyana kaYehotsadaki nabazalwana bakhe ababingeleli noZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli+ nabazalwana bakhe besuka baza bakha isibingelelo soTHIXO kaSirayeli, ukuze banikele imibingelelo etshiswayo kuso, njengoko kubhaliwe+ kumthetho kaMoses umntu kaTHIXO oyinyaniso.