10 Wathi yena: “Yabona, ndenza umnqophiso: Ndiya kwenza izinto ezimangalisayo phambi kwabantu bonke bakowenu, ezingazange zidalwe emhlabeni wonke, nasezintlangeni zonke;+ bonke abantu ophakathi kwabo bowubona ngenene umsebenzi kaYehova, ngokuba yinto eyoyikekayo endiya kuyenza kuwe.+