Hezekile 1:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 1 Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu, ngenyanga yesine, ngomhla wesihlanu enyangeni leyo, ngoxa ndandiphakathi kwabantu abathinjiweyo+ ngakuMlambo iKebhare,+ amazulu avuleka+ ndaza ndabona imibono kaThixo.+ Mateyu 3:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Emva kokuba ebhaptiziwe uYesu ngoko nangoko wenyuka emanzini; yaye, khangela! amazulu avuleka,+ waza wabona umoya kaThixo usihla njengehobe+ phezu kwakhe.+ Yohane 1:51 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 51 Ngokubhekele phaya wathi kuye: “Inene, inene, ndithi kuni, niya kulibona izulu livulekile neengelosi+ zikaThixo zinyuka zisihla zisiya kuNyana womntu.”+
1 Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu, ngenyanga yesine, ngomhla wesihlanu enyangeni leyo, ngoxa ndandiphakathi kwabantu abathinjiweyo+ ngakuMlambo iKebhare,+ amazulu avuleka+ ndaza ndabona imibono kaThixo.+
16 Emva kokuba ebhaptiziwe uYesu ngoko nangoko wenyuka emanzini; yaye, khangela! amazulu avuleka,+ waza wabona umoya kaThixo usihla njengehobe+ phezu kwakhe.+
51 Ngokubhekele phaya wathi kuye: “Inene, inene, ndithi kuni, niya kulibona izulu livulekile neengelosi+ zikaThixo zinyuka zisihla zisiya kuNyana womntu.”+