IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 49:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Intonga yobukhosi ayisayi kusuka kuYuda,+ nomsimelelo womyaleli phakathi kweenyawo zakhe, ade afike uShilo;+ zize zithobele yena izizwana.+

  • Duteronomi 18:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 UYehova uThixo wakho uya kunivelisela umprofeti, phakathi kwenu, kubazalwana benu, onjengam—nize nimphulaphule+—

  • INdumiso 16:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Kuba akuyi kuwushiya eShiyol umphefumlo wam.+

      Akuyi kumvumela onyanisekileyo wakho abone umhadi.+

  • Isaya 7:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Ngoko ke uYehova ngokwakhe uya kuninika umqondiso: Khangelani! Intombi+ okunene iya kumitha,+ izale unyana,+ ize imbize ngegama elinguImanuweli.

  • Mika 5:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 “Nawe, Bhetelehem Efrata,+ wena umncinane gqitha ukuba ube phakathi kwamawaka akwaYuda,+ kuwe+ ndiya kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli,+ omvelaphi yakhe isusela kumaxesha angaphambili, ukususela kwimihla yexesha elingenammiselo.+

  • Malaki 3:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 “Khangela! Ndithumela umthunywa wam,+ yaye umele ahlahle indlela phambi kwam.+ Iya kuza ngequbuliso etempileni Yayo,+ iNkosi yokwenyaniso,+ leyo niyifunayo, engumthunywa+ womnqophiso+ eniyoliswayo nguye.+ Khangela! Ngokuqinisekileyo uya kuza,” utsho uYehova wemikhosi.+

  • IZenzo 9:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Kodwa uSawule wahlala ezuza amandla ngokungakumbi yaye wayewaqungaqunga amaYuda awayehlala eDamasko njengoko wayengqina ngokusengqiqweni ukuba lo nguKRISTU.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share