IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 27:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Kodwa ukuba uhlwempuzeke kakhulu ukuba angalifikelela ixabiso elo lithelekelelwayo,+ umele ke ngoko amiswe phambi kombingeleli, aze umbingeleli ambekele ixabiso.+ Umbingeleli uya kumbekela lowo ubhambathisileyo ixabiso elivumelana noko anokukufikelela.+

  • Duteronomi 16:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Wandule ubhiyozele umthendeleko weeveki kuYehova uThixo wakho,+ ngokomlinganiselo womnikelo wokuzithandela wesandla sakho oya kuwunikela, ngokokusikelelwa kwakho nguYehova uThixo wakho.+

  • Duteronomi 16:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Isipho sayo nganye masibe ngokwentsikelelo akunike yona uYehova uThixo wakho.+

  • IMizekeliso 3:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Musa ukwala nokulungileyo kwabo kuselungelweni labo ukukufumana,+ xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza.+

  • Marko 12:43
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 43 Ngoko wabizela kuye abafundi bakhe waza wathi kubo: “Inene ndithi kuni lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abo baphose imali kwizikhongozelo zobuncwane;+

  • Luka 21:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 waza wathi: “Eneneni ndithi kuni, Lo mhlolokazi, nangona elihlwempu, uphose ngaphezu kwabo bonke.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share