2 Korinte
3 Ngaba kwakhona siqala ukuzincomela ngokwethu?+ Okanye ngaba, mhlawumbi, njengabantu abathile, sifuna iincwadi+ zoncomelo eziya kuni okanye ezivela kuni? 2 Nina ngokwenu niyincwadi yethu,+ ebhalwe ezintliziyweni zethu neyaziwayo nefundwa luluntu lonke.+ 3 Kuba nibonakaliswa niyincwadi kaKristu ebhalwe sithi njengabalungiseleli,+ engabhalwanga ngainki kodwa ngomoya+ kaThixo ophilayo, kungekhona kumacwecwe amatye,+ kodwa kumacwecwe enyama, ezintliziyweni.+
4 Ke kaloku ngaye uKRISTU sithembele+ kuThixo. 5 Asikuko ukuba thina ngokwethu sikufanelekele ngokwaneleyo ukucinga ukuba nantoni na iphuma kuthi,+ kodwa ukufaneleka ngokwaneleyo kwethu kuphuma kuThixo,+ 6 oye eneneni wasenza sakufanelekela ngokwaneleyo ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha,+ kungekhona owengqokelela yemithetho ebhaliweyo,+ kodwa owomoya;+ kuba ingqokelela yemithetho ebhaliweyo igwebela+ isohlwayo sokufa, kodwa umoya uyaphilisa.+
7 Ngaphezu koko, ukuba ingqokelela yemithetho edlulisela ukufa+ neyakrolwa ngoonobumba ematyeni+ yeza ngozuko,+ kangangokuba oonyana bakaSirayeli babengenakubuqwalasela ubuso bukaMoses ngenxa yozuko lobuso bakhe,+ zuko olo olwaluza kubhangiswa, 8 kutheni ukudlulisela komoya+ kungenakuba kukhulu ngakumbi ngozuko?+ 9 Kuba ukuba ingqokelela yemithetho edlulisela umgwebo wesohlwayo+ yayizukile,+ kokukhona ukudlulisela kobulungisa+ kuphuphuma kakhulu ngakumbi ngozuko.+ 10 Enyanisweni, kwanoko bekukhe kwenziwa kwazuka kuye kwahlutywa uzuko+ kule nkalo, ngenxa yozuko olugqwesileyo.+ 11 Kuba ukuba oko kwakuza kubhangiswa kwaziswa ngozuko,+ kokukhona bekuya kuba nozuko olukhulu ngakumbi oko kuza kuhlala kukho.+
12 Ngoko ke, njengoko sinethemba elinjalo,+ sisebenzisa inkululeko enkulu yokuthetha, 13 yaye singenzi njengaxa uMoses wayebeka isigqubuthelo+ ebusweni bakhe, ukuze oonyana bakaSirayeli bangaqwalaseli esiphelweni+ soko kwakuza kubhangiswa. 14 Kodwa amandla abo engqondo enziwa buthuntu.+ Kude kube namhla eso sigqubuthelo asiphakanyiswa ekufundweni komnqophiso omdala,+ ngenxa yokuba ubhangiswa ngoKristu.+ 15 Enyanisweni, ukuza kutsho namhlanje xa sukuba kufundwa uMoses,+ isigqubuthelo sihlala ezintliziyweni zabo.+ 16 Kodwa xa kukho ukuphethukela kuYehova, isigqubuthelo siyasuswa.+ 17 Ke kaloku uYehova unguMoya;+ yaye apho ukhoyo umoya+ kaYehova,+ kukho inkululeko.+ 18 Thina sonke,+ silubonakalisa njengezipili uzuko lukaYehova+ ngobuso obungagqutyuthelwanga, siyaguqulwa+ sifane+ naye sisuka eluzukweni sise eluzukweni,+ yaye oku kwenziwe nguYehova+ ngoMoya.