Galati
5 Yiyo ke leyo inkululeko uKristu awasikhululela kuyo.+ Ngoko ke yimani nkqi,+ ningaphindeli kwakhona kwidyokhwe yobukhoboka.+
2 Yabonani! Mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba niyaluka,+ uKristu akayi kuba yingenelo kuni. 3 Ngaphezu koko, ndinikela ubungqina kwakhona kumntu wonke owalukayo bokuba ubophelelekile ukuwenza uMthetho uphela.+ 4 Ukuba nifuna ukuvakaliswa ningamalungisa ngomthetho, nizahlukanisile noKristu;+ niphambukile kububele bakhe obungasifanelanga.+ 5 Thina ke ngawo umoya silinde ngentumekelelo ubulungisa obuthenjisiweyo ngenxa yokholo.+ 6 Kuba ngokubhekisele kuKristu Yesu ukwaluka nokungaluki akubalulekanga,+ into ebalulekileyo lukholo+ olusebenza ngothando.+
7 Benibaleka kakuhle.+ Ngubani onithinteleyo ekuqhubekeni nithobela inyaniso?+ 8 Olu hlobo lolweyiseko aluveli kuLowo unibizayo.+ 9 Igwele elincinane libilisa intlama iphela.+ 10 Ndinentembelo+ yokuba nina enimanyene+ neNkosi anisayi kuphambuka ekucingeni kwenu; kwaye nabani na onikhathazayo+ uya kuba sisisulu somgwebo.+ 11 Mna ke, bazalwana, ukuba ndisashumayela ulwaluko, kutheni ndisatshutshiswa nje? Eneneni, ke ngoko, isikhubekiso+ sesibonda sentuthumbo+ besiya kuba sibhangisiwe.+ 12 Ndinqwenela ukuba abantu abazama ukunibhukuqa+ bathenwe bona ngokwabo.+
13 Kambe ke, nabizelwa enkululekweni,+ bazalwana; kuphela nje musani ukuyisebenzisa le nkululeko ukuvulela inyama ithuba,+ kodwa khonzanani+ ngokuqhutywa luthando. 14 Kuba uMthetho uphela uzalisekiswa+ lilizwi elinye, elileli: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.”+ 15 Ukuba, ke, niyagrenyana, niqwengane,+ lumkani hleze nitshabalalisane.+
16 Ke kaloku ndithi kuni, Ukuba niqhubeka nihamba ngokomoya+ anisayi kulawulwa yiminqweno yenyama konke konke.+ 17 Kuba iminqweno yenyama inxamnye neyomoya,+ ukanti neyomoya inxamnye neyenyama; kuba ezo zinto zichasene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.+ 18 Ngapha koko, ukuba nikhokelwa ngumoya,+ anikho phantsi komthetho.+
19 Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama,+ eyile, uhenyuzo,+ ukungahlambuluki, ihambo evakalala,+ 20 unqulo-zithixo, ukusebenzelana nemimoya,+ ubutshaba, iimbambano, amakhwele, ukugqajukelwa yimisindo, usukuzwano, izahlukano, amahlelo, 21 oomona, iindywala,+ iziyunguma, nezinto ezinjengezi. Ngokubhekisele kwezi zinto ndinilumkisa kwangaphambili, njengoko besendinilumkisile kakade, ukuba abo baqhelisela+ izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.+
22 Ke sona isiqhamo+ somoya luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga,+ ukholo, 23 ubulali, ukuzeyisa.+ Akukho mthetho unxamnye nezinto ezinjalo.+ 24 Abo ke bangabakaKristu Yesu bayibethelele inyama kunye neenkanuko neminqweno yayo.+
25 Ukuba siphila ngomoya, masihambe ngokulungeleleneyo kwangomoya.+ 26 Masingazigwagwisi, sikhuphisana,+ simonelana.+