Hebhere
12 Ngoko ke, ngenxa yokuba sinelifu elikhulu kangaka lamangqina+ elisingqongileyo, masithi nathi sibothule bonke ubunzima+ nesono esisithandela ngokulula,+ yaye masilubaleke ngonyamezelo+ ugqatso+ olubekwe phambi kwethu,+ 2 njengoko sikhangele ngenyameko kuMmeli Oyintloko+ noMgqibelelisi wokholo lwethu,+ uYesu. Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe wasinyamezela+ isibonda sentuthumbo, elidela ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.+ 3 Eneneni, mqwalaseleni ngokusondeleyo lowo uye wayinyamezela intetho enjalo yokuchasa+ yaboni ngokunxamnye nezilangazelelo zabo, ukuze ningadinwa nize nityhafe emiphefumlweni yenu.+
4 Ekulweni kwenu neso sono anikade nixhathise kude kuphalale igazi,+ 5 kodwa nikulibele ngokupheleleyo okuthethwe kuni nibongozwa njengoonyana kusithiwa:+ “Nyana wam, musa ukuyidelela ingqeqesho kaYehova, yaye ungatyhafi wakulungiswa nguye;+ 6 kuba lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha; enyanisweni, uyamtyakatya wonke ubani amamkela njengonyana.”+
7 Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho.+ UThixo uniphethe njengoonyana bakhe.+ Kuba nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise?+ 8 Ukuba ke aniqeqeshwa njengabo bonke abanye, ngokwenene beniya kuba niyimigqakhwe,+ kungekhona oonyana. 9 Ngapha koko, sasinoobawo bethu bokwenyama bokusiqeqesha,+ yaye sasibahlonela. Asisayi kuthi na sizithobe kakhulu ngakumbi kuBawo wobomi bethu bokomoya size siphile?+ 10 Kuba kangangemihla embalwa babesiqeqesha ngokoko kwakubonakala kulungile kubo,+ kodwa yena wenjenjalo ngenxa yengenelo yethu ukuze sibe nenxaxheba kubungcwele bakhe.+ 11 Enyanisweni, akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu;+ ukanti kamva ivelisa isiqhamo soxolo,+ oko kukuthi, ubulungisa,+ kwabo baqeqeshiweyo yiyo.
12 Ngoko ke zoluleni izandla eziwileyo+ namadolo anengevane,+ 13 nize nihlale nizenzela umendo othe tye iinyawo zenu,+ ukuze into eqhwalelayo ingakrunwa, kodwa kunoko iphiliswe.+ 14 Phuthumani uxolo nabantu bonke,+ nobungcwalisa+ ekungekho mntu uya kuyibona iNkosi ngaphandle kwabo,+ 15 nikuphaphele ngenyameko ukuba kungabikho namnye ububandezwayo ububele obungasifanelanga bukaThixo;+ kungabikho ngcambu inetyhefu+ iphumayo ibangele inkathazo baze abaninzi benziwe inqambi yiyo;+ 16 kungabikho mhenyuzi naye nabani na ongazixabisiyo izinto ezingcwele, njengoEsawu,+ owathi ngenxa yesidlo esinye wanikela ngamalungelo akhe obuzibulo.+ 17 Kanjalo niyazi ukuba emva koko xa wayefuna ukuyidla ilifa intsikelelo+ wagatywa,+ kuba, nangona wayefuna ngenyameko ukutshintsha ingqondo eneenyembezi,+ akalifumananga ithuba loko.+
18 Kuba anisondelanga kwinto enokuphathwa+ netshiswe ngomlilo,+ nakwilifu elimnyama nesithokothoko sobumnyama nesivuthuvuthu,+ 19 nasekukhaleni kwexilongo+ nesandi samazwi;+ sandi eso abathi bakusiva abantu batarhuzisa ngelithi akufanele kongezwe lizwi kubo.+ 20 Kuba wawunganyamezeleki kubo umyalelo othi: “Yaye ukuba isilo sichukumisa intaba, simele sixulutywe.”+ 21 Kanjalo, loo mbono wawusoyikeka kangangokuba uMoses wathi: “Ndiyoyika kwaye ndiyangcangcazela.”+ 22 Kodwa nina niye nasondela kwiNtaba yeZiyon+ nakwisixeko+ soThixo ophilayo, iYerusalem yasezulwini,+ namashumi amawaka eengelosi,+ 23 kwindibano jikelele,+ nebandla lamazibulo+ abhaliswe+ emazulwini, noThixo uMgwebi wabo bonke,+ nobomi bokomoya+ babo bangamalungisa abaye benziwa bagqibelela,+ 24 noYesu umlamli+ womnqophiso omtsha,+ negazi lokufefa,+ elithetha ngendlela elunge ngakumbi kunegazi lika-Abheli.+
25 Lumkani ningazilanduleli kulowo uthethayo.+ Kuba ukuba abazange basinde abo bazilandulelayo kulowo wayenika isilumkiso sobuthixo emhlabeni,+ asisayi kuba nako ngokugqithiseleyo ke thina ukuba siyakhwebuka kulowo uthetha esemazulwini.+ 26 Ngelo xesha ilizwi lakhe lawugungqisa umhlaba,+ kodwa ngoku uye wathembisa, esithi: “Ndiza kuphinda ndiqungaqunge kungekuphela nje umhlaba kodwa kwanezulu.”+ 27 Ke ibinzana elithi “Ndiza kuphinda” libonisa ukushenxiswa kwezinto ezigungqisiweyo njengezinto ezenziweyo,+ ukuze izinto ezingagungqiswanga zihlale.+ 28 Ngoko ke, ekubeni siza kwamkela ubukumkani obungenakugungqiswa,+ masiqhubeke sinobubele obungasifanelanga, esinokuthi ngabo ngokwamkelekileyo sinikele inkonzo engcwele kuThixo sinoloyiko lobuthixo nentlonelo.+ 29 Kuba uThixo wethu ukwangumlilo odlayo.+