Hebhere
5 Kuba wonke umbingeleli omkhulu othatyathwe phakathi kwabantu umiselwa ngenxa yabantu phezu kwezinto eziphathelele uThixo,+ ukuze anikele izipho nemibingelelo yezono.+ 2 Uyakwazi ukuqhubana ngobungcathu kunye nabangenalwazi nabo benza iziphoso ekubeni naye enobuthathaka bakhe,+ 3 yaye ngenxa yabo ubophelelekile ukuba azenzele iminikelo yezono njengoko kukwanjalo nangabantu.+
4 Kanjalo, umntu uyithabatha le mbeko, kungengakuzithandela,+ kodwa kuphela xa ebizwe nguThixo,+ kanye njengoko kwakunjalo nangoAron.+ 5 Ngokunjalo ke noKristu akazange azizukise+ ngokwakhe ngokuba ngumbingeleli omkhulu,+ kodwa wazukiswa+ ngulowo wathetha ngokubhekisele kuye wathi: “Ungunyana wam; mna, namhlanje, ndibe nguyihlo.”+ 6 Kunjengokuba esitsho kwanakwenye indawo ukuthi: “Ungumbingeleli ngonaphakade ngokohlobo lukaMelkitsedeki.”+
7 Ngemihla yenyama yakhe [uKristu] wanikela izikhungo kwanezibongozo+ kuLowo wayekwazi ukumsindisa ekufeni, esitsho ngezikhalo ezinamandla+ neenyembezi, yaye waviwa ngokukholekileyo ngenxa yoloyiko lwakhe lobuthixo.+ 8 Nangona wayenguNyana, wafunda ukuthobeka ngeembandezelo awazifumanayo;+ 9 yaye emva kokuba enziwe wagqibelela+ waba nembopheleleko yosindiso olungunaphakade+ kubo bonke abo bamthobelayo,+ 10 ngenxa yokuba uye ngokukhethekileyo wabizwa nguThixo ngokuba ungumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeki.+
11 Ngokuphathelele yena sinokuninzi esingakuthetha nekunganzima ukukucacisa, ekubeni niye nabuthuntu ekuveni kwenu.+ 12 Kuba, eneneni, nangona benifanele ukuba ngabafundisi+ ngenxa yexesha, nisafuna kwakhona uthile wokunifundisa ukususela ekuqaleni izinto eziziziqalelo+ zezibhengezo ezingcwele zikaThixo;+ yaye nisuke naba njengabasafanelwe lubisi, kungekhona ukutya okuqinileyo.+ 13 Wonk’ ubani osasela ubisi akaqhelananga nelizwi lobulungisa, kuba ulusana.+ 14 Kodwa ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abo bathe ngokuwasenzisa amandla abo okuqonda+ bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.+